ISAZISO SIKARHULUMENTE
ISEBE LEZEMPILO
UMTHETHO WAMAGCISA EZEMPILO, 1974 (UMTHETHO WAMA- 56 WOWE- 1974)
IMITHETHO ESESIKWENI YOKUZIPHATHA KWAMAGCISA ABHALISE PHANTSI KOMTHETHO WAMAGCISA EZEMPILO, 1974
IBhunga lamaGcisa ezeMpilo loMzantsi Afrika licebisana neebhodi zobugcisa nemvume yoMphathiswa wezeMpilo yenze imithetho kwiShedyuli ngokuphathelele kwigatya lama-49 elifundwa kunye negatya lama-61 nelama- 61A omThetho wamaGcisa ezeMpilo wowe- 1974 (umThetho wama- 56 wowe-1974).
ISHEDYULI
Iinkcazelo
Kule mithetho naliphi igama okanye isigama elinikwe intsingiselo kumThetho liya kuqulatha loo ntsingiselo ngaphandle lichazwe okanye liboniswe ngenye imeko-
Umthetho" ngumThetho wamaGcisa ezeMpilo, 1974(Umthetho wama-56 wowe- 1974);
isihlomelo" sisihlomelo kule mithetho ;
umbutho" ngumsebenzi apho amagcisa amabini okanye angaphezulu asebenzela ii-akhawunti zabo kodwa abelana ngempahla zokusebenza okanye ngezixhobo;
ibhodi" yibhodi yobugcisa emiselwe ngokwegatya le-15 lomthetho;
ukurhwebesha" imeko yokutsala ingqalelo ngelizwi okanye ngezixhobo zokusasaza zokushicilelwa okanye zombane kwiimpawu zomntu, kulwazi olukhulu, kubulunga benkonzo kwiziqinisekiso zobugcisa okanye kukwenza okungcono;
intsebenziswano esondeleleneyo" kukucebisana kukagqirha kwinqanaba elithile okanye kunyango oluthile lomguli kunye nomnye ugqirha kunye nokunikwa ekupheleni koloo nyango , kwengxelo yonyango ngugqirha aye kuye;
incutshe yamazinyo" ngugqirha wamazinyo obhalise njengencutshe kumsebenzi owodwa okanye kongaphantsi kumsebenzi wamazinto ngokuphathelele kwimiThetho enxulumene neeNcutshe neeNcutshe ezingaphantsi kumSebenzi wamaZinyo namaYeza opapashwe phantsi kweSaziso sikaRhulumente No. R. 590 wama- 29 Juni 2001;
ugqirha wamehlo okhupha amayeza" ngumntu obhalise ngokuphathetlele kumThetho nemiThetho yokubhalisela ooGqirha baMehlo abaKhupha amaYeza opapashwe kwiSaziso sikaRhulumente No. R. 2339 womhla wesi-3 Disemba 1976;
ukonakalisa" imeko myengqondo okanye yomzimba ephembelela ubuchule, izimvo, isigwebo okanye ukwenza izenzo zobugcisa ligcisa elibhalisileyo;
ukwenza okuzimeleyo" kukwenza apho ubugcisa bezempilo obubhalisileyo busenziwa ligcisa lezempilo ngaphandle kokonganyelwa lelinye igcisa lezempilo;
Ukwenza okuhamba-hambayo" kukusebenza kwegcisa njalo kwindawo engaphandle kwedilesi asebenzelayo kuyo;
isazinzulu sobugqirha" ngumntu obhalise phantsi komThetho njengenjineli yebhayomedikhali, ugqirha wamachiza, umcebisi wezinto ezifunyanwa eselini, isazinzulu sebhayoloji okanye ugqirha wamayeza;
Incutshe yobugqirha" igcisa lobugqirha elibhalise njengencutshe kumsebenzi owodwa okanye ongaphantsi kubugqirha ngokuphathelele kwimiThetho enxulumene neeNcutshe neeNcutshe ezingaphantsi kumSebenzi wamaZinyo namaYeza opapashwe phantsi kweSaziso sikaRhulumente No. R. 590 wama- 29 Juni 2001;
ingcali yokunyanga amehlo" ngumntu obhalise phantsi komThetho;
ishishini lamayeza" yinkampani ebhalise phantsi koMthetho wamaYeza, 1974 (Umthetho wama-53 wama- 1974);
igcisa" ngumntu obhalise phantsi koMthetho kwaye kukusebenza kwemithetho 5, 6 nowe- 9 yale mithetho kunye umntu wobulungisa okhululweyo kumthetho ngokwegatya lama- 54A loMthetho;
ukusebenza bucala" ukusebenza kwegcisa lezempilo elisebenzela i-akhawunti yalo, kukusebenza yedwa okanye njengomahlulelane kulwahlulelwano okanye njengedlelane kumanyano lwamanye amagcisa okanye njengomongameli wenkampani ezinziswe ngokwegatya lama- 54A lomThetho;
inkampani yoluntu" inkampani ebhalise phantsi komthetho weeNkampani, 1973 (Umthetho wama- 61 wowe- 1973);
inkonzo yoluntu" yinkonzo enikwa ngurhulumente kumgangatho karhulumente wesizwe, wephondo nowasekhaya ukuquka imibutho esebenza phantsi kwakhe kunye nezinikwa inkxaso kakhulu ngurhulumente okanye ezaziwa yibhodi kwiinjongo zale mithetho;
ukwenza kwindawo yokuhlala" kuthetha indawo apho igcisa lezempilo lenzela khona umsebenzi walo wemihla ngemihla;
igatya" ligatya lomthetho;
incutshe" igcisa elibhalise njengencutshe okanye incutshe engaphantsi ( ukuba ikho) ngokuphathelele kuMthetho onxulumene neeNcutshe neeNcutshe ezingaPhantsi kumSebenzi kaGqirha wamazinyo namaYeza opapashwe phantsi kweSaziso sikaRhulumente No. R. 590 wama-29 Juni 2001, kwaye ezibophelela kukwenza okufana nomsebenzi owodwa okanye ongaphantsi kowodwa;
ukongamela" ulwamkelo lwemfanelo yokongamela ligcisa kwizenzo zelinye igcisa; kunye ukurhwebesha" isenzo sokutsala ingqalelo ngelizwi okanye ngesixhobo sokusasaza eshicilelweyo okanye sombane , kumnikelo womnye, kukuqinisekisa okanye inzuzo yezinto.
Ukutolika nokusebenza
 Intsilelo ligcisa ukthobela ukuziphatha okumiselwe yimithetho okanye isihlomelo kule mithetho liya kumisela isenzo okanye ukungenzi apho ibhodi iya kuthatha amanyathelo olwaluleko ngokweSahluko IV somThetho.
Ukuziphatha okumiselwe kule mithetho okanye isihlomelo kule mithetho akuyi kucingelwa ukuba imisela uluhlu olupheleleyo lokuziphatha kwaye ibhodi ebandakanyekayo ingaphanda ize isebenze ngaso nasiphi isikhalazo sokuziphatha ngokungabi nabugcisa esiziswa kluyo.
Kuphando ngokomthethwana 2 ibhodi ebandakanyekayo iya kukhokelwa yile mithetho, zizihlomelo kule mithetho, ngumiselo osesikweni okanye izikhokelo kunye neenkcazelo zomgaqo apho ibhodi ebandakanyekayo okanye ibhunga elizisebenzisa kumaxesha ngamaxesha.
Ukwazisa nokurhwebesha
 Igcisa liya kuvunyelwa ukuba lazise iinkonzo zalo okanye iphepha-mvume,imvume okanye ukwamkelwa kweso saziso: Ngaphandle kokuba isaziso asinabugcisa, asinyanisekanga , siyakhohlisa okanye siyalahlekisa okanye sibangela abaxumi babe nokuxhalaba okungafunekayi okunokubangela ukusokola nakweyiphi imeko yezempilo.
Igcisa alisayi kurhwebesha okanye livumele ukurhwebesha kwenziwe kubaguli egameni lakhe.
Ulwazi kwizinto zokubhala namaphepha obugcisa
 Igcisa liya kubhala okanye lakube libhale kwiintloko ezishicilelwe encwadini, kwiifomu ze-akhawunti nakulwazi lweencwadi zombane oluphathelele kuphela kweloo gcisa -
a igama;
b ubugcisa;
c udidi olubhaliselweyo;
d umsebenzi owodwa okanye ongaphantsi okanye ummandla womsebenzi wobugcisa ukuba ukhona;
e iziqinisekiso esibhalisiweyo okanye ezinye iziqinisekiso zemfundo okanye izidanga ezingentla kwesokuqala zibhalwe ngokufinyezwa;
f inombolo yokubhaliswa;
g iidilesi kuqukwa nedilesi ye-imeyile;
h inombolo yefowuni neyefeksi;
i iiyure zokusebenza okanye zokucebisana;
j inombolo yekhowudi yokusebenza; kunye k nenombolo yephepha-mvume lokukhupha amayeza ukuba ikho.
Iqela lamagcisa asebenza njengomntu wobulungisa okhutshiweyo kokubhaliswa ngokuphathelele kwigatya lama-54A omThetho okanye iqela lamagcisa asebenza kulwahlulelwano aya kubhala okanye abhlale kwiintloko ezishicilelwe encwadini, kwiifomu ze-akhawunti nakulwazi lweencwadi zombane oluphathelele kuphela kuloo mntu woobulungisa okanye kumagcisa olwahlulelwano -
a igama;
b ubugcisa;
c udidi olubhaliselweyo;
d umsebenzi owodwa okanye ongaphantsi okanye ummandla womsebenzi wobugcisa ukuba ukhona;
e iziqinisekiso esibhalisiweyo okanye ezinye iziqinisekiso zemfundo okanye izidanga ezingentla kwesokuqala zibhalwe ngokufinyezwa;
f inombolo yokubhaliswa;
g iidilesi kuqukwa nedilesi ye-imeyile;
h inombolo yefowuni neyefeksi;
i iiyure zokusebenza ;
k ukukhutshwa kukubhaliswa ngokuphathelele kwigatya lama-54A omThetho; kunye l nenombolo yephepha-mvume lokukhupha amayeza ukuba ikho.
Ukuthiya ukusebenza
 Igcisa liya kusebenzisa igama lalo okanye igama legcisa elibhalisileyo okanye lamagcisa elikulwahlulelwano nawo okanye elisebenza nawo njengomntu wobulungisa njengegama lomsebenzi walo wabucala.
Igcisa ngokumthethwana 1 lingagcina loo msebenzi nokokuba elinye igcisa , umahlulelane wolo lwahlulelwano okanye ilungu laloo mntu wobulungisa akaseyonxalenye yaloo msebenzi wabucala: Ukuba ngaba imvume yegcisa langaphambili okanye kwimeko yegcisa eliswelekileyo imvume yomabi lifa weempahla yakhe okanye yesizalwane ifunyenwe.
Aigcisa alisayi kusebenzisa kwigama lomsebenzi walo igama elithi "isibhedlele" , "kliniki" okanye "iziko" okanye naliphi elinye igama elinokunika imbonakalo yokuba loo msebenzi wabucala wenza inxalenye okanye unxulumene nesibhedlele, nekliniki okanye neziko.
Ukusebenza okuhamba-hambayo
Igcisa lingenza umsebenzi ohambahambayo oqhubeka njalo kwindawo apho elinye igcisa lizinze khona ukuba koko kusebenza kuhamba-hambayo , elo gcisa linika iinkonzo kwizigulana ezingumgangatho ofanayo, ezinomrhumo ofanayo nalowo awubiza kwindawo yalo lokusebenza.
Umrhumo nekhomishini
 Igcisa alisayi kwamkela ikhomishini okanye nayiphi into ecingelwayo ( imali okanye ngenye indlela) kumntu okanye kwelinye igcisa okanye iziko njengembuyekezo yokuthenga, yentengiso okanye ukunikwa iimpahla , izinto ezisetyenziswa lilo ekwenzeni umsebenzi wobugcisa.
Igcisa alisayi kuhlawula khomishini okanye linike into ecingelwayo imali okanye enye indlela kumntu ngokucebisa izigulana.
) Igcisa alisayi kunika okanye lamkele, intlawulo, inzuzo okanyeinto ecingelwayo (imali okanye enye indlela ebalelwa ukulikhuthaza okanye isenzo salo okanye isenzo ngenye indlela engeyoyenzululwazi okanye ebonisa ubugqirha okanye phantsi kwenkonzo , ngaphezu kwenkonzo okanye ukuhlawulisa kakhulu izigulana.
Igcisa aliyi kwabelana ngumrhumo naye nowuphi umntu okanye elinye igcisa elingakhange lithatha nxaxheba elingeneyo kwiinkonzo ezihlawulswe loo mrhumo.
Igcisa alisayi kuhlawulisa okanye lifumane imirhumo ngeenkonzo engakhange izenze ngokwalo ngaphandle kokuba iinkonzo zenziwe lelinye igcisa kwingqesho okanye anomanyano naye njengomahlulelane, njengonesabelo okanye njengebambela.
Ulwahlulelwano nabantu bobulungisa
 Igcisa liya kwenza kuphela kulwahlulelwano okanye kumanyano okanye liqeshe igcisa elibhalisileyo phantsi komThetho lize ngokuphathelele kubugcisa apho elo gcisa libhalise phantsi komThetho.
Igcisa liya kusebenza okanye njengomntu wobulungisa okhutshwe kukubhaliswa ngokwegatya lama- 54A lomThetho kuphela lithobela iimeko zoko kukhutshwa.
Igcisa liya kusebenza kulwalamano, kumbutho okanye njengomntu wobulungisa kuphela kummandla wobugcisa elibhalisele bona phantsi komThetho.
Igcisa alisayi kusebenza bnakokuphi ukusebenza okuneemfuneko ezifumaneke njengelifa okanye iimeko ezaphula okanye ezinokwaphula umthetho omnye okanye ngaphezulu okanye isihlomelo kule mithetho..
Ulawulo
 Igcisa liya kuqesha njengomncedisi wobugcisa okanye ibambala okanye nakwesiphi isikhundla sesivumelwano sobucisa ixesha elingadlulanga kwiinyanga ezintandathu , umntu kuphela -
a obhalise phantsi komThetho;
b abo amagama wabo akwirejista egcinwe ngumntu ogcina iincwadi zerejista phantsi kwegatya le-18 loMthetho; kunye c ongakhange amiswe ekusebenzeni okanye kubugcisa bakhe.
Igcisa liya kunceda okanye lixhase kuphela umntu obhalisileyo phantsi komThetho wamaYeza, 1974 umthetho wama-53 wowe-1974, umThetho wabongikaz, 1978 umthetho wama- 50 wowe- 1978, umThetho wamaGcisa eNkonzo zeNtlalo, 1978 umthetho we-. 110 wowe- 1978, umThetho wamaGcisa amaZinyo, 1979 umthetho we-19 owowe-1979, okanye umTetho wamaGcisa ezeMpilo amaNyeneyo, 1982 umthetho wama- 63 wowe 1982, ukuba umsebenzi wobugcisa okanye isimo salo mntu sisemthethweni kwaye kummandla wobugcisa balo.
Ubhangiso
Igcisa aliyi kubhangisa okanye lithathe isigulana kwelinye igcisa ukuba liyaqonda ukuba eso sigulana likunyango olusebenzayo lelinye igcisa ngaphandle kokuba-
a lithatha amanyathelo afanelekileyo okuxelela elinye igcisa ukuba lityhatha umguli kwisicelo somguli lowo; kwaye b limisele kwelinye igcisa ukuba loluphi unyango lwangaphambili ebelufunyanwa ngumguli lowo ingakumbi amayeza, ukuba akho ayemiselwe loo mguli kwaye kulo meko elinye igcisa liya kunika olo lwazi lufunekayo.
Ukusongela umguli
Igcisa alisayi kusongela umguli okanye kwimeko yomntwana, umzali okanye umondli womntwana ekufumanane ingcamango yelinye igcisa okanye anyangwe lelinye igcisa..
Ukundiliseka kobugcisa kwamaqabane
Igcisa alisayi kungcolisa imbonakalo yobulungisa, ukundiliseka kobugcisa okanye isakhono somnye umntu obhalise phantsi komThetho okanye nawuphi umthetho wezeMpilo.
Imfihlo yobugcisa
 Igcisa aliyi kuchaza ulwazi ngelizwi ngokubhala ngokuphathelele kumguli anokuluchaza kuphela -
a kumalungiselelo okumiswa ngumthetho;
b kumyalelo wenkundla; okanye c xa kufanelekile kumdla woluntu.
Naluphi ulwazi ngaphandle kolwazi olubhekiselelwe kumthethwana 1 luya kuchazwa kuphela ligcisa -
a kwimvume ecacileyo yomguli;
b kwimeko yomntwana ongaphantsi kweminyaka eli-14 ubudala ngemvume ebhalisweyo yomzali wakhe okanye yomondli; okanye c kwimeko yokusweleka yomguli ngemvume ebhaliweyo yomntu azalane naye okanye yomabi welifa lezinto anazo.
 Kwiinjongo zokuphanda zemfundo zoqeqesho okanye zokumiselwa igcisa liya kugcina amalungu omguli oswelekileyo ngexesha lotyando.
Ukugcinwa kwamalungu ngokubhekiselele kumthethwana 1 kuya -
a kuvakaliswa ngemvume ebhaliweyo enikwe ngumgulu abandakanyekayo ngexesha lokuphila kwakhe;
b kwimeko yomntwana ongaphantsi kweminyaka eli-14 imvume ebhaliweyo iya kunikwa ngumzali wakhe okanye umondli; okanye c kwimeko yomguli oswelekileyo ongakhange ngaphambili anike imvume ebhaliweyo isizalwane sakhe esisondeleyo okanye umabi lifa ngezinto zakhe uya kunika imvume ebhaliweyo.
Ukusayinwa kwamaxwebhu asemthethweni
Umfundi, ugqirha omtsha osafundayo esibhedlele okanye igcisa elithi ekwenzeni imisebenzi yobugcisa lisayine amaxwebhu asemthethweni ngokunxulumene kwinkathalo yomguli njengemimiselo, izatifikhethi, ( ngaphandle kwezatifikhethi zokufa) iirekhodi zezigulana, iingxelo sesibhedlele okanye ezinye iingxelo uya kusayina loo maxwebhu ecaleni kwegama lakhe okanye oonobumba bokuqala bamagama akhe kunye nefani yakhe ebhalwe ngoonobumba abakhulu.
Izatifikhethi neengxelo
a igama, idilesi neziqinisekiso zelo gcisa;
b igama lomguli;
c inombolo yengqesho yomguli ukuba iyasebenza;
d umhla nexesha lokuxilongwa;
e nokokuba isatifikhethi sinikwe ngenxa yokuqwalaselwa lelo gcisa ngexesha lokuxilongwa, okanye ngenxa yolwazi olufunyenwe kwisigulana kwaye lusekelwe kwizizathu ezamkelekileyo kubugqirha.
f inkcazelo yesigulo, ukuphazamiseka, okanye isifo ngokwesigama somntu ongeyongcali nemvume eyazisayo yesigulana: Uku ngaba loo mguli akazimiselanga kunika imvume, igcisa liya kuchaza ukuba kwingcamango yalo esekelwe ekuxilongweni kwesigulana, isigulana eso asikulungelanga ukusebenza;
g nokokuba umguli akaphilanga ngokupheleleyo ukuba aphangele okanye nokokuba loo nguli angasebenza umsebenzi ongenzimanga nkakhulu kwimeko yokusebenza;
h ixesha elililo elicetyiswayo lemvume yokuhlala ekhaya ngenxa yokugula;
i umhla wokunikwa kwesatifikhethi sokugula; kunye ii oonobumba bokuqala bamagama egcisa nefani ngoonobumba abakhulu nenombolo yokubhalisa kwegcisa elinike isatifikhethi.
Isatifikhethi sokugula ngokubhekiselela kumthethwana 1 siya kusayinwa ligcisa ecaleni koonobumba bokuqala bamagama alo nefani ibhalwe ngoonobumba abakhulu.
Ukuba kusetyenziswa amaphepha asele eshicilelwe igicisa liya kususa amagama angafunekiyo.
Igcisa liya kunika umguli ingxelo emfutshane eyinyaniso xa loo mguli efuna ulwazi olumalunga naye.
Ukukhutshwa kwemimiselo
 Igcisa eligunyaziswe ngokomThetho weziNto ezinxulumeneyo namaYeza,1965 (umthetho we-101 lowe-1965), ukuba limisele amayeza liya kukhupha imimiselo yamayeza echetheziweyo, ebhalwe ngesandla, eveliswe ngekhompyutha, esele ishicilelwe okanye esemgangathweni kwiiShedyuli I, 2, 3 nesi- 4 ngokomThetho weziNto ezinxulumeneyo namaYeza,1965 (umthetho we-101 wowe- 1965), ngokwaloo mimiselo ingakhutshwa kuphela phantsi kosayino lwakhe lokuqala.
Igcisa eligunyaziswe ngokomThetho weziNto ezinxulumeneyo namaYeza,1965 umthetho we-101 lowe-1965, ukuba limisele amayeza liya kukhupha imimiselo yamayeza ebhalwe ngesandla angooShedyuli 5, 6, 7 nesi- 8 ngokomThetho weziNto ezinxulumeneyo namaYeza,1965 umthetho we-101 wowe- 1965, ngokwaloo mimiselo ingakhutshwa kuphela phantsi kosayino lwakhe lokuqala.
Ingqesho yobugcisa
 Igcisa liya kwamkela ingqesho yobugcisa okanye ingqesho yabaqeshi evunywe libhubga kuphela ephathelele kwisivumelwano sokuqeshwa okanye ingqesho eyenziwe ngokusekelwe kumdla woluntu nowobugcisa.
Ingqesho enesivumelwano esibhaliweyo okanye ingqesho ngokubhekiselele kumthethwana 1 iya kwenziwa ibekho kwibhunga ngokwesicelo.
Amayeza ayimfihlo
Ekuziphatheni nakummandla walo igcisa liya kusebenzisa kuphela -
a ifomu yonyango, isixhobo okanye iteknoloji yezempilo engelohlebo kwaye engabangwa ukuba yeyangasese; kunye b isixhobo okanye iteknoloji ebonisa ngophando ukuba inobuchule bokuzalisekisa ubango olwenziweyo oluphathelele kuso.
Ukoyisa okanye ukuthintela ibhunga okanye ibhodi ekwenzeni umsebenzi wayo
Igcisa liya kusebenzisana ngalo lonke ixesha kwaye lithobele nayiphi imiyalelo esemthethweni okanye inkqubo yebhunga, yebhodi, yekomiti yaloo bhodi okanye igosa lebhunga lize kufunwe apho liyalelweyo ukuba -
a liphendule kwimbhalelwano nemiyalelo yebhunga efana nebhodi, kwikomiti yaloo bhodi okanye kwigosa lebhunga kumaxesha amisiweyo; lize b liye kukucebisana ngamaxesha nakwindawo emiselwe libhunga elifana nebhodi, yikomiti yaloo bhodi okanye ligosa lebhunga.
Igcisa liya kwenza kuphela izenzo zobugcisa ngaphandle kwixesha lengxakeko -
a elifunde ngokwaneleyo laqeqeshwa laze lafumana namava awoneleyo; kunye c naphantsi kweemeko ezifanelekileyo kunye nendawo nekugqongileyo efanelekileyo.
Ukuzisebenzisela
Igcisa alisayi kuzivumela ukuba lisetyenziselwe nangeyiphi indlela.
Amayeza
 Igcisa alisayi kuthatha inxaxheba ekwenzeni ngeenjongo zokuthengisa okanye kwintengiso, kukwazisa naliphi iyeza okanye nawuphi omnye umsebenzi olingana nokurhweba ngamayeza.
Igcisa alisayi kubandanyeka okanye aliyi kuxhasa ukusetyenziswa okukhethekileyo okanye imimiselo yalo naliphi iyeza ukuba naliphi ixabiso elicingelwayo livela kukusetyenziwa okukhethekileyo okanye komiselo.
b yenze okanye irhwebe amayeza ngexa iqeshwe lishishini lamayeza;
c ngexa liqeshwe lishishini lamayeza nakwesiphi isikhundla, lisenza loo misebenzi iqhelekileyo ngokwaloo ngqesho; okanye d ukukhupha amayeza ngokwephepha-mvume lomThetho weZinto ezinxulumeneyo namaYezaS, 1965.
Igcisa ngokuphathelele kumthethwana 3 liya kuxhoma isaziso esicacileyo kwigumbi lalo lokulindela kwaye ukuba kufanelekile lixelelel ngomlomo izigulana zakhe ngoku kulandelayo -
a linezabelo kwinkampani yoluntu ekuluhlu eyenza okanye ethengisa amayeeza amiselwe loo mguli; kunye b liqeshwe kwishishini lamayeza elenza loo mayeza.
Igcisa lingamisela okanye linike amayeza: Ukuba ngaba elo gcisa liqinisekile ngoxilongo lomguli obandakanyekayo ngokumxilonga kwalo okanye ngengxelo yelinye igcisa phantsi konyango lwalo loo mguli oxilongwe lilo.
Kwemeko apho umguli enesifo esingapheliyo ulungiselelo lomthethwana 5 luya kusebenza.
Inzala yemali esibhedlele
 Igcisa elinenzala yemali kwikliniki yabucala okanye esibheldlele liya kuyibhekisa kumguli kuloo kliniki okanye esibhedlele kuphela xa isaziso esicacileyo sibekwe kwigumbi lalo lokulindela esichaza ukuba unenzala yemali kuloo kliniki okanye esibhedlele kwaye ukuba loo mguli uxelelwe ngomlomo malunga nokokuba igcisa elo linenzala kuloo kliniki okanye kwisibhedlele loo mguli ebethunyelwe kuso.
Igcisa ngokomthethwana 1 aliyi kuthatha ekwaziseni ngayo nayiphi iklini yabucala okanye isibhedlele okanye nawuphi omnye umsebenzi olingana nokwazisela inzuzo yalo.
Igcisa ngokubhekiselele kumthethwana 1 aliyi kuzibandakanya okanye lixhase ukusetyenziswa kwayo nayiphi ikliniki yabucala okanye isibhedlele ukuba ixabiso elicingelwayo livela kwelo gcisa kukusetyenziswa okukhethekileyo.
Ulungiselelo lomthethwana 3 awuyi kulalela elo gcisa ukuba libe nezabelo kwinkampani yoluntu ekuluhlu.
Igcisa ngokomthethwana 4 liya kuxhoma isaziso esicacileyo kwigumbi layo lokulindela kwqaye liya kuxelela umguli ngelizwi malunga noku kulandelayo-
a linezabelo kwinkampani yoluntu ekuluhlu ezilawula loo kliniki yabucala okanye isibhedlele apho athumele khona umguli;
Igcisa lingamkela umguli kulo kliniki yabucala okanye isibhedlele: Ukuba elo gcisa -
a liqinisekile ngoxilongo lomguli obandakanyekayo ngokumxilonga kwalo okanye yingxelo yelinye igcisa ebelinyange umguli lowo;
Ukunika ingxelo yokonakalisa okanye yokuziphatha ngokungafanelekanga, ngokungekho mthethweni okanye ngokukgekho sikweni
 Umfundi, ugqirha omtsha osafundayo esibhedlele okanye igcisa uya -
a unika ingxelo yokonakala komnye umfundi, ugqirha osemtsha osafundayo esibhedlele okanye elinye igcisa kwibhodi ukuba uqinisekile ukuba loo mfundi, loo gqirha mtsha usesibhedlele okanye igcisa lonakele;
b unika ingxelo yokonakalisa kwakhe okanye ukonakalisa okukrokrelwayo kwibhodi ebandakanyekayo ukuba uqonde ukuba ukonakalisa kwakhe okaye uxelwe ngokuphandle okanye ucetyiswe ngokundilisekileyo liqabane ukuba enze ngokufanelekileyo ukufumana uncedo ngokonakala okucingelwayo okanye okumiselweyo; aze c anike ingxelo nangakuphi ukuziphatha okungafanelekanga , okungekho mthethweni okanye okungekho sikweni ngulo mfundi, ngugqirha osemtsha osafundayo esibhedlele okanye igcisa.
Ukuphanda, ukuvelisa nokusebenzisa ubuchule benyukliya, bebhayoloji nobamachiza
 Igcisa elizibandakanya kuphando, kukuvelisa, okanye kukusetyenziswa kobuchule benyukliya, bebhayoloji nobamachiza ngokukhuselayo liya kufumana imvume kuqala ebhaliweyo kwibhodi ebandakanyekayo kolo phando, kukuveliswa okanye ukusetyenziswa.
Ekwenzeni isicelo semvume ngokuphathelele kumthethwana 1,elo gcisa liya kunika olu lwazi lulandelayo kwibhodi ebandakanyekayo:
a Iinkcukacha ezipheleleyo zesimo nommandla zolo phando, ukuveliswa okanye ukusetyenziswa;
b nokokuba ulingo lwesibhedlele ngokuphathelele kolo phando lugqithiswe yikomiti yenzululwazi ngemikhwa esesikweni yophando eyaziwayo ngokobugcisa;
Ubhaliso kabini
Igcisa lezempilo olunobhaliso kwibhunga elisemthethweni elingaphezu kwesinye okanye kwibhodi yamagcisa liya kuqinisekisa ngawo onke amaxesha ukuba -
a Akukho mpixano yomdla ovelayo kubhaliso olubini ekunikezeleni iinkonzo zempilo kwizigulana;
b Izigulana zixelelwe ngokucacileyo kwasekuqaleni kukocebisana kobugcisa apho igcisa lisebenza khona;
c Imvume eyazisayo ngokuphathelele kumhlathi b ifunyenwe kulo mguli;
d Izigulana azicetyiswa kwzikhundla ezibini okanye zihlawuliswe imirhumo esekelwe kukucetyiswa kabini; kwaye e Imithetho esesikweni iyasebenza kwixesha elinikiweyo lobugcisa lokusebenza kwegcisa kubanjelelwa kuyo ngokungqongqo.
Ukurhoxisa
ImiThetho echaza imiThetho okanye ukuShiya ngokuphathelele kumaNyathelo oLwaluleko angathathwa yiBhodi yamaGcisa kunye neBhunga epapashwe phantsi kweSaziso sikaRhulumente No. R. 2278 somhla wama- 3 Disemba 1976 neSaziso sikaRhulumente No. R. 1379 somhla we-12 Agasti 1994, njengoko silungiswe siSaziso sikaRhulumente No. R. 1405 somhla wama- 22 Disemba 2000 iyarhoxiswa.
MPHATHISWA WEZEMPILO
